Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 20:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Athi uYesu kuye, Mfazi, ulilelani na? ufuna bani na? Yena, esiba ngumgcini-myezo, uthi kuye, Nkosi, ukuba umsusile apha, ndixelele apho umbeke khona; mna ndiye kumthabatha.

16. Athi uYesu kuye, Mariya! Wajika yena wathi kuye, Rabhoni! (oku kukuthi, Mfundisi).

17. Uthi uYesu kuye, Ungàndichukumisi; kuba andikanyuki ndiye kuBawo; ke yiya kubazalwana bam, uthi kubo, Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.

18. Afike uMariya waseMagadala, ababikele abafundi ukuba uyibonile iNkosi; yathetha ezi zinto kuye.

19. Kwakuhlwa ngoko, ngolokuqala usuku lweveki, zakubon' ukuba iingcango zivaliwe, apho babehlanganisene khona abafundi, ngenxa yokoyika amaYuda, wafika uYesu wema phakathi, wathi kubo, Uxolo malube nani. Akutsho, wababonisa izandla necala lakhe.

20. Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi.

21. Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina.

22. Akutsho wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele;

23. abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile.

24. Ke kaloku uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo,* wayengenabo oko wafikayo uYesu.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 20