Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 2:8-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Besa ke.

9. Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni.

10. Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.

11. Oku kuqaleka kwemiqondiso wakwenza uYesu eKana yelaseGalili, walubonakalalisa uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe.

12. Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi.

13. Yayikufuphi ke ipasika* yamaYuda; wenyuka uYesu waya eYerusalem.

14. Wabafumana etempileni ababethengisa ngeenkomo nezimvu namahobe, nabananisa ngemali behleli.

15. Wenza iziniya ngemizí, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile;

16. wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.

17. Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye.

18. Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Usibonisa mqondiso mni na, uzenza nje ezi zinto?

19. Waphendula uYesu wathi kubo, Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.

20. Athi ke ngoko amaYuda, Yayiminyaka imashumi mané anesithandathu nje isakhiwa le tempile, ke wena woyivusa ngeentsuku ezintathu na?

21. Yena ke wayethetha ngetempile yomzimba wakhe.

22. Ke ngoko, xenikweni wavukayo kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe, ukuba ebekuthethile oku kubo, bakholwa sisibhalo nalilizwi awalithethayo uYesu.

23. Ke kaloku, akubon' ukuba useYerusalem epasikeni, emthendelekweni, into eninzi yakholwa kulo igama lakhe, ibona imiqondiso yakhe abeyenza.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 2