Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 2:15-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Wenza iziniya ngemizí, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile;

16. wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.

17. Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye.

18. Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Usibonisa mqondiso mni na, uzenza nje ezi zinto?

19. Waphendula uYesu wathi kubo, Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.

20. Athi ke ngoko amaYuda, Yayiminyaka imashumi mané anesithandathu nje isakhiwa le tempile, ke wena woyivusa ngeentsuku ezintathu na?

21. Yena ke wayethetha ngetempile yomzimba wakhe.

22. Ke ngoko, xenikweni wavukayo kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe, ukuba ebekuthethile oku kubo, bakholwa sisibhalo nalilizwi awalithethayo uYesu.

23. Ke kaloku, akubon' ukuba useYerusalem epasikeni, emthendelekweni, into eninzi yakholwa kulo igama lakhe, ibona imiqondiso yakhe abeyenza.

24. Ke yena uYesu akaziyekelanga kubo, ngenxa yokuba ebazi bonke;

funda isahluko epheleleyo Uyohane 2