Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 2:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kuthe ngomhla wesithathu, kwabakho umsitho eKana yelaseGalili; waye unina kaYesu ekhona.

2. Wamenyelwa ke noYesu kwanabafundi bakhe emsithweni lowo.

3. Kuthe ke, bakuphelelwa yiwayini, wathi unina kaYesu kuye, Abanawayini.

4. Uthi uYesu kuye, Yintoni na enam nawe, mfazi? Alikafiki ilixa lam.

5. Athi unina kubalungiseleli, Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni.

6. Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate* ezimbini nantathu.

7. Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bayizalisa ke, yada yee cike.

8. Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Besa ke.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 2