Ke kaloku emveni koko, uYosefu waseArimati (engumfundi kaYesu, ke enguye ngokufihlakeleyo ngenxa yokoyika amaYuda), wacela kuPilato, ukuba awususe umzimba kaYesu. Waza uPilato wavuma; weza ke wawususa umzimba kaYesu.