Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 19:17-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Bamthabatha ke uYesu, bemka naye. Ethwele umnqamlezo wakhe, waphuma waya endaweni ekuthiwa, yeyokakayi,

18. ekuthiwa ngesiHebhere yiGologota, apho bambethelela khona emnqamlezweni, nabanye naye abangabámbi bebabini, ngeenxa zombini, uYesu ke ephakathi.

19. Ke kaloku uPilato wabhala nombhalo, wawubeka phezu komnqamlezo. Kwaye ke kubhaliwe kwathiwa: UYESU WASENAZARETE, UKUMKANI WAMAYUDA.

20. Loo mbhalo ngoko into eninzi yamaYuda yawulesa; ngokuba indawo, uYesu awayebethelelwe kuyo emnqamlezweni, yayikufuphi nomzi; kwaye ke kubhaliwe ngesiHebhere, nangesiGrike, nangesiRoma.

21. Babesithi ngoko kuPilato ababingeleli abakhulu bamaYuda, Musa ukubhala uthi, UKumkani wamaYuda; bhala uthi, Wathi yena, NdinguKumkani wamaYuda.

22. Waphendula uPilato wathi, Endikubhalileyo ndikubhalile.

23. Athe ngoko amasoldati, xa abembethelele emnqamlezweni uYesu, azithabatha iingubo zakhe, enza izabelo eziné, laelo isoldati lanesabelo; kwanengubo yangaphantsi. Ke kaloku, ingubo yangaphantsi yabe ingenamthungo; yayilukiwe iphela, ithabathele phezulu.

24. Atshono ngoko ukuthi, Masingayikrazuli, masiqashise ngayo ukuba yoba yekabani na; ukuze isibhalo sizaliseke esithi,Babelana ngeengubo zam,Benza amaqashiso ngesambatho sam.(INdum. 22:18)Amasoldati ke ngoko azenza ezi zinto.

25. Kwakumi ke ngasemnqamlezweni kaYesu unina, nomsakwabo bonina, uMariya umkaKleyopa, noMariya waseMagadala.

26. UYesu ngoko, akumbona unina, naye umfundi abemthanda emi khona, uthi kuye unina, Mfazi, nanko unyana wakho!

27. Andule athi kumfundi lowo, Nanko unyoko! Wathi kwakwelo lixa, umfundi lowo wamthabatha, wamsa kwikhaya lakhe.

28. Emveni koko, uYesu, esazi ukuba zonke izinto sezifezekile, ukuze sifezeke isibhalo, wathi, Ndinxaniwe.

29. Bekumi ke isitya sizele yiviniga; bazalisa ke bona imfunxa ngeviniga; bayibeka phezu kwehisope,* bayisa emlonyeni wakhe.

30. Xa ngoko uYesu wabeyamkele iviniga, wathi, Kugqityiwe! Wathoba intloko, wawunikela umoya wakhe.

31. AmaYuda ngoko, ukuze imizimba ingahlali emnqamlezweni ngesabatha, ekubeni yayiyimini yokulungiselela isabatha (kuba loo sabatha ibingumhla omkhulu), acela kuPilato ukuba imilenze yabo yaphulwe, basuswe.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 19