Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 18:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Bamphendula bathi, UYesu umNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Wabemi ke nabo uYuda, lowo umngcatshayo.

6. Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni.

7. Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, UYesu umNazarete.

8. Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke;

9. ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye.

10. Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene; laye igama lomkhonzi lowo linguMalko.

11. Uthe ngoko uYesu kuPetros, Lifake ikrele lakho esingxotyeni salo; indebe andinikileyo uBawo andisayi kuyisela na?

12. Ibutho ngoko lamasoldati, nomthetheli-waka, namadindala amaYuda, bambamba uYesu,

13. bambopha, bamrholela kuAnas kuqala; kuba wayengusomfazi kuKayafa, obengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka.

14. Ke kaloku uKayafa wayengulowo wabhunga namaYuda ngokuthi, Kuyinto elungileyo, ukuba umntu omnye atshabalale ngenxa yabantu.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 18