Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 18:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Akuzithetha uYesu ezi zinto, waphuma nabafundi bakhe, waya phesheya komlanjana oyiKidron, apho kwakukho umyezo, awangena kuwo yena nabafundi bakhe.

2. NoYuda ke, lowo umngcatshayo, ubeyazi indawo leyo; kuba uYesu ubesakubutha futhi khona apho nabafundi bakhe.

3. Athi ngoko uYuda, ethabathe ibutho lamasoldati namadindala kubabingeleli abakhulu nabaFarisi, eze khona enezikhanyiso nezibane neentonga.

4. Ezazi ngoko uYesu zonke izinto ezimzelayo, waphuma, wathi kubo, Nifuna bani na?

5. Bamphendula bathi, UYesu umNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Wabemi ke nabo uYuda, lowo umngcatshayo.

6. Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 18