Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 17:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona, bephuma ehlabathini; babengabakho, wabanika mna; ilizwi lakho balibambile ke.

7. Ngoku baqondile, ukuba zonke izinto ondinike zona zivela kuwe.

8. Ngokuba amazwi ondinike wona, ndiwaniké bona; bona bawathabatha, baqonda ngokwenyaniso ukuba ndaphuma kuwe; bakholwa ukuba wena wandithuma.

9. Mna ndicelela bona; andiceleli lona ihlabathi, ndicelela abo undinike bona; ngokuba bengabakho.

10. Izinto zonke ezizezam zezakho, zibe ezakho zizezam; ndizukisekile ke kubo.

11. Andisekhona ehlabathini, ke bona basesehlabathini; mna ndiza kuwe. Bawo oyingcwele, bálondolozele egameni lakho abo undinike bona, ukuze babe banye njengathi.

12. Oko bendinabo ehlabathini mna, bendibalondolozele egameni lakho; owandinika bona ndibagcinile; akukho namnye kubo utshabaleleyo, ingenguye lowo wentshabalalo, ukuze isibhalo sizaliseke.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 17