19. Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso.
20. Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye;
21. njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma.
22. Uzuko owandinika lona, ndilunike bona; ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye;
23. mna ndikubo, wena ukum, ukuze babe ngabazalisekileyo ntweninye; ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.
24. Bawo, ndithanda ukuba nabo abo undiniké bona, babe nam, apho ndikhona mna; ukuze balubone uzuko lwam owandinika lona; ngokuba wandithanda kwaphambi kokusekwa kwehlabathi.
25. Bawo olilungisa, ihlabathi lona alikwazanga, ke mna ndikwazile; naba bathe bazi ukuba wena undithumile;
26. ndabazísa igama lakho, ndandiya kubazísa; ukuze uthando ondithande ngalo lube kubo, nam ndibe kubo.