Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 17:17-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.

18. Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini.

19. Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso.

20. Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye;

21. njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma.

22. Uzuko owandinika lona, ndilunike bona; ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye;

23. mna ndikubo, wena ukum, ukuze babe ngabazalisekileyo ntweninye; ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.

24. Bawo, ndithanda ukuba nabo abo undiniké bona, babe nam, apho ndikhona mna; ukuze balubone uzuko lwam owandinika lona; ngokuba wandithanda kwaphambi kokusekwa kwehlabathi.

25. Bawo olilungisa, ihlabathi lona alikwazanga, ke mna ndikwazile; naba bathe bazi ukuba wena undithumile;

26. ndabazísa igama lakho, ndandiya kubazísa; ukuze uthando ondithande ngalo lube kubo, nam ndibe kubo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 17