Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 17:11-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Andisekhona ehlabathini, ke bona basesehlabathini; mna ndiza kuwe. Bawo oyingcwele, bálondolozele egameni lakho abo undinike bona, ukuze babe banye njengathi.

12. Oko bendinabo ehlabathini mna, bendibalondolozele egameni lakho; owandinika bona ndibagcinile; akukho namnye kubo utshabaleleyo, ingenguye lowo wentshabalalo, ukuze isibhalo sizaliseke.

13. Ngoku ke ndiza kuwe; nezi zinto ndizithetha ehlabathini, ukuze babe nalo uvuyo lwam lúzalisekile kubo.

14. Mna ndibaniké ilizwi lakho; laza ihlabathi labathiya, ngokuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.

15. Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini; ndicela ukuba ubagcine kuyo inkohlakalo.

16. Àbangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.

17. Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.

18. Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini.

19. Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso.

20. Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye;

21. njengokuba wena, Bawo, ukum, mna ndikuwe, ukuze nabo babe banye kuthi; ukuze ihlabathi likholwe ukuba wena wandithuma.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 17