Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 16:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu.

7. Noko ke mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndíthe ndemka, ndiya kumthumela kuni.

8. Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo;

9. ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum;

10. ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona;

11. ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe.

12. Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 16