6. Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu.
7. Noko ke mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndíthe ndemka, ndiya kumthumela kuni.
8. Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo;
9. ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum;
10. ngenxa yobulungisa, ngokokuba ndisiya kuBawo, ize ningabi sandibona;
11. ngenxa yomgwebo, ngokokuba umphathi weli hlabathi egwetyiwe.
12. Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku.