23. Nangaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika.
24. Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.
25. Ezi zinto ndizithethile kuni ngokuntsonkotha; kuza ilixa endingasayi kuba sathetha kuni ngokuntsonkotha; ndiya kunibikela ngokusekuhleni ngaye uBawo.
26. Ngaloo mini niya kucela egameni lam; anditsho kuni ukuthi, ndiya kunicelela kuBawo;
27. kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo.