12. Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni, kodwa aninako ukuzithwala ngoku.
13. Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo.
14. Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke.
15. Zonke ezo zinto anazo uBawo zezam; ngenxa yoko ndathi, úya kwamkela kokukokwam, aze anibikele.