Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 15:17-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ndiniwisela lo mthetho wokuba nithandane.

18. Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiyé kuqala kunani.

19. Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi linge likuthanda okwalo; ke ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.

20. Likhumbuleni ilizwi endalithethayo mna kuni, elithi, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba bánditshutshisa mna, bonitshutshisa nani; ukuba ilizwi lam báligcina, nelenu boligcina.

21. Ke ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, ngokuba bengamazi owandithumayo.

22. Ukuba bendingezanga ndathetha kubo, ngebengabanga nasono; ngoku abanasikhuselo sesono sabo.

23. Lowo uthiye mna, uthiye noBawo.

24. Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi engenziwanga mntu wumbi, ngebengabanga nasono; kaloku ke babonile; noko bandithiyile mna noBawo.

25. Kwenzeké ukuze lizaliseke ilizwi elibhaliweyo emthethweni wabo, elithi, Bandithiya kungekho sizathu.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 15