Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 15:16-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Asinini enanyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela, ukuze niye nithwale isiqhamo, nokuze isiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe.

17. Ndiniwisela lo mthetho wokuba nithandane.

18. Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiyé kuqala kunani.

19. Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi linge likuthanda okwalo; ke ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.

20. Likhumbuleni ilizwi endalithethayo mna kuni, elithi, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba bánditshutshisa mna, bonitshutshisa nani; ukuba ilizwi lam báligcina, nelenu boligcina.

21. Ke ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, ngokuba bengamazi owandithumayo.

22. Ukuba bendingezanga ndathetha kubo, ngebengabanga nasono; ngoku abanasikhuselo sesono sabo.

23. Lowo uthiye mna, uthiye noBawo.

24. Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi engenziwanga mntu wumbi, ngebengabanga nasono; kaloku ke babonile; noko bandithiyile mna noBawo.

25. Kwenzeké ukuze lizaliseke ilizwi elibhaliweyo emthethweni wabo, elithi, Bandithiya kungekho sizathu.

26. Kodwa xa athe wafika uMthetheleli, endiya kumthuma mna kuni evela kuBawo, uMoya wenyaniso ophuma kuBawo, yena wongqina ngam.

27. Nani ke niyangqina, ngokuba beninam kwasekuqaleni.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 15