Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 15:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Mna ndingumdiliya wenyaniso, umlimi wawo ke nguBawo.

2. Amasebe onke akum angathwali siqhamo, uyawasusa; onke athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo ngakumbi.

3. Nina nisenihlambulukile, ngenxa yelizwi endilithethileyo kuni.

4. Hlalani kum, mna ndihlale kuni. Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum.

5. Umdiliya ndim, nina ningamasebe; lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto.

6. Ukuba umntu uthe akahlala kum, ulahlelwa phandle njengesebe, ome; baze abantu bawabuthe, bawaphose emlilweni, atshiswe.

7. Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe.

8. Uzukiswa uBawo ngale nto, yokuba nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabam abafundi ke.

9. Njengoko uBawo wandithandayo, nam ndanithanda; hlalani ke eluthandweni lwam.

10. Ukuba nithi niyigcine imithetho yam, hlalani eluthandweni lwam; njengokuba mna ndayigcinayo imithetho kaBawo, ndahlala eluthandweni lwakhe.

11. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze uvuyo lwam luhlale kuni, luthi novuyo lwenu luzaliseke.

12. Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina.

13. Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.

14. Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna.

15. Andisatsho ukuthi ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; mna ke ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 15