Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 14:13-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Nento enithe nayicela egameni lam, ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana.

14. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.

15. Ukuba niyandithanda, yigcineni imithetho yam.

16. Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade:

17. uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.

18. Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni.

19. Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi.

20. Ngaloo mini niya kwazi nina ukuba ndikuye uBawo, nani nikum, nam ndikuni.

21. Lowo unayo imithetho yam ayigcine, nguye ondithandayo; lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalalise kuye.

22. Athi kuye uYuda (ingenguye uSikariyoti), Nkosi, kutheni na, le nto uza kuzibonakalalisa kuthi, ungazibonakalalisi kulo ihlabathi?

23. Waphendula uYesu wathi kuye, Ukuba umntu uyandithanda, woligcina ilizwi lam; wothi uBawo amthande, size kuye, sihlale naye.

24. Lowo ungandithandiyo akawagcini amazwi am; ilizwi enilivayo asililo elam, lelikaBawo owandithumayo.

25. Ezi zinto ndizithethile kuni ndisahleli nani.

26. Ke uMthetheleli, uMoya oyiNgcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.

27. Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala.

28. Nivile ukuba ndithe mna kuni, Ndiyemka, ndibuye ndize kuni. Ukuba benindithanda, ngenavuyayo kuba ndathi, Ndiya kuBawo; ngokuba uBawo mkhulu kunam.

29. Ngoku ke ndinixelele kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe.

30. Andisayi kuba sathetha zinto zininzi nani; kuba esiza umphathi weli hlabathi, engenanto nam.

31. Ke, ukuze liqonde ihlabathi ukuba ndiyamthanda uBawo, ndenza njengoko uBawo andiwisele umthetho. Vukani, simke apha.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 14