Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 14:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum.

2. Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo;

3. ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.

4. Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi.

5. Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singáthini na ke ukuyazi indlela?

6. Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 14