Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 14:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Intliziyo yenu mayingakhathazeki; kholwani kuThixo, nikholwe nakum.

2. Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka, ndiya kunilungisela indawo;

3. ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.

4. Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi.

5. Uthi uTomas kuye, Nkosi, asazi apho uya khona; singáthini na ke ukuyazi indlela?

6. Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam.

7. Ukuba benindazile mna, ninge nimazile noBawo; ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.

8. Athi uFilipu kuye, Nkosi, sibonise uYihlo, kosanelisa.

9. Uthi uYesu kuye, Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu? Lowo undibonileyo mna umbonile uBawo; ùtsho ngani na ke wena ukuthi, Sibonise uYihlo?

10. Akukholwa na ukuba mna ndikuye uBawo, abe ke uBawo ekum? Amazwi endiwathethayo mna kuni, andiwathethi ephuma kum; uBawo ke ohleli kum, nguye oyenzayo imisebenzi le.

11. Kholwani ndim, ukuba mna ndikuye uBawo, nokuba uBawo ukum; okanye ke, kholwani ndim ngenxa yayo imisebenzi leyo.

12. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena; nemikhulu kunale uya kuyenza, ngokuba mna ndisiya kuye uBawo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 14