Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 13:8-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule uYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam.

9. Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko.

10. Uthi uYesu kuye, Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; úhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.

11. Kuba ebemazi lowo umnikelayo; ngenxa yoko wathi, Anihlambulukile nonke.

12. Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni?

13. Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo.

14. Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndíyiNkosi, ndínguMfundisi, nani nifanele ukuhlambana iinyawo.

15. Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenzé ngako mna kuni.

16. Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe, namthunywa umkhulu kunalowo umthumileyo.

17. Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.

18. Andithethi ngani nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.

19. Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye.

20. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; lowo wamkela mna ke, wamkela owandithumayo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 13