Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 13:34-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane.

35. Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.

36. Wathi uSimon Petros kuye, Nkosi, ùya ngaphi na wena? Umphendule uYesu wathi, Apho ndiya khona, akunakundilandela kalokunje; wondilandela ke kamva.

37. Uthi uPetros kuye, Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 13