Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 13:26-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Uphendule uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika mna iqhekeza, ndakuba ndilithe nkxu. Akulithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon.

27. Waza emveni kweqhekeza elo, wangena uSathana kuye lowo. Uthi ngoko uYesu kuye, Okwenzayo, kwenze kamsinya.

28. Ke kaloku, bekungekho namnye, kwababehleli naye esithebeni, ubesazi ukuba utsho ngani na kuye.

29. Kuba abathile, ekubeni ingxowa ibikuYuda, bebeba uYesu uthi kuye, Thenga ezo zinto sizifunela umthendeleko; mhlawumbi uthi makawanike into amahlwempu.

30. Elithabathile ngoko yena iqhekeza, waphuma kwaoko; kwaye ke kusebusuku.

31. Xeshikweni ngoko aphumileyo, uthi uYesu, Kukalokunje, uNyana woMntu uzukisiwe, naye uThixo uzukisiwe kuye.

32. Ukuba ke uThixo uzukisiwe kuye, noThixo uya kumzukisa kuye ngokwakhe, waye eya kumzukisa kwangoku.

33. Bantwana bam, liselilifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina: nditsho nakuni ngoku.

34. Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 13