Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 13:19-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye.

20. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; lowo wamkela mna ke, wamkela owandithumayo.

21. Ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.

22. Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na.

23. Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu.

24. Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na.

25. Àyamile ke yena esifubeni sikaYesu, uthi kuye, Nkosi, nguwuphi na?

26. Uphendule uYesu wathi, Ngulowo ndiya kumnika mna iqhekeza, ndakuba ndilithe nkxu. Akulithi nkxu iqhekeza, walinika uYuda Sikariyoti, okaSimon.

27. Waza emveni kweqhekeza elo, wangena uSathana kuye lowo. Uthi ngoko uYesu kuye, Okwenzayo, kwenze kamsinya.

28. Ke kaloku, bekungekho namnye, kwababehleli naye esithebeni, ubesazi ukuba utsho ngani na kuye.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 13