Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 13:12-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni?

13. Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo.

14. Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndíyiNkosi, ndínguMfundisi, nani nifanele ukuhlambana iinyawo.

15. Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenzé ngako mna kuni.

16. Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe, namthunywa umkhulu kunalowo umthumileyo.

17. Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.

18. Andithethi ngani nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.

19. Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye.

20. Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; lowo wamkela mna ke, wamkela owandithumayo.

21. Ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.

22. Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na.

23. Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu.

24. Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 13