Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 13:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, phambi komthendeleko wepasika, esazi uYesu ukuba lifikile ilixa lokuba anduluke kweli hlabathi, aye kuYise, ebathandile abakhe abasehlabathini, wabathanda kwada kwasekupheleni.

2. Kwakubakho isidlo sangokuhlwa (akubon' ukuba uMtyholi selekufakile entliziyweni kaYuda Sikariyoti, okaSimon, ukuba amngcatshe),

3. esazi uYesu ukuba uYise uzinikele zonke izinto ezandleni zakhe, nokuba waphuma kuThixo, esiya kuThixo:

4. usuka esidlweni, azibeke phantsi iingubo zakhe, athabathe itawuli* abhinqe;

5. aze agalele amanzi esityeni sokuhlambela, aqale ukuzihlamba iinyawo zabafundi, nokuzisula ngetawuli abeyibhinqile.

6. Uza ke kuSimon Petros; athi yena kuye, Nkosi, zihlánjwe nguwe na iinyawo zam?

7. Waphendula uYesu, wathi kuye, Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; kodwa wokuqonda kamva.

8. Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule uYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam.

9. Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 13