Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 12:19-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Bathe ngoko abaFarisi phakathi kwabo, Niyabona na kodwa ukuba anincedi lutho? Yabonani, ulandelwa lilizwe lonke.

20. Ke kaloku, kwakukho amaGrike athile kwababenyukile, beze kunqula emthendelekweni.

21. Wona ngoko eza kuFilipu waseBhetesayida yelaseGalili, acela kuye, esithi, Nkosi, singa singabona uYesu.

22. Ufika uFilipu axelele uAndreya; bathi kanjalo ooAndreya noFilipu baxelele uYesu.

23. Wabaphendula ke uYesu esithi, Lifikile ilixa lokuba uNyana woMntu azukiswe.

24. Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba ukhozo lwengqolowa oluwe emhlabeni aluthanga lufe, lona luhlala lungabi nto; ke ukuba luthe lwafa, luthwala isiqhamo esininzi.

25. Lowo uwuthandayo umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; lowo uwuthiyayo umphefumlo wakhe kweli hlabathi, wowulondolozela ubomi obungunaphakade.

26. Ukuba ubani uthi andikhonze, makandilandele; apho ndikhona mna, woba khona apho nondikhonzayo; ukuba umntu uthi andikhonze, uBawo wombeka.

27. Kukalokunje umphefumlo wam ukhathazekile, mandithini na? Bawo, ndisindise kweli lixa. Hayi, ndizele khona oku kweli lixa.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 12