Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 12:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UYesu ngoko, kwiintsuku ezintandathu eziphambi kwayo ipasika,* weza eBhetani, apho ebekhona uLazaro owayefile, awamvusayo kwabafileyo.

2. Ngoko bamenzela isidlo khona, waye uMarta elungiselela; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye besidla.

3. Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi* engangxengelelweyo, exabiso likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo.

4. Uthi ngoko omnye umfundi wakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo ubeza kumngcatsha,

5. Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angàthengiswa ngeedenariyo* ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu?

6. Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; watsho kuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphathwa nguye izinto ezifakwa kuyo.

7. Uthe ngoko uYesu, Myeke; uwalondolozele imini yokungcwatywa kwam.

8. Kuba amahlwempu la nihleli ninawo; mna ke anihleli ninam.

9. Yathi ngoko indimbane enkulu yakumaYuda yakwázi ukuba ulapho; yeza kungengenxa kaYesu yedwa, yeza ukuze ibone noLazaro, lowo wamvusayo kwabafileyo.

10. Ke kaloku ababingeleli abakhulu babhunga ukuze bambulale noLazaro;

11. ngokuba ngenxa yakhe abaninzi bamaYuda bemka, bakholwa kuye uYesu.

12. Ngengomso indimbane enkulu, eyabe ize emthendelekweni, yakuva ukuba uYesu uyeza eYerusalem,

13. yathabatha amasebe esundu, yaphuma, yaya kumhlangabeza; yadanduluka isithi, Hosana! makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi, uKumkani kaSirayeli!

14. UYesu, efumene ke iesilana, wahlala phezu kwalo, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,

15. Musa ukoyika, ntombi Ziyon; nanko ukumkani wakho esiza, ehleli phezu kwethole le-esile.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 12