Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 11:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Uthe ngoko akuva ukuba uyafa, wakha okunene wahlala kuloo ndawo abekuyo iintsuku ezimbini.

7. Waza emveni koko wathi kubo abafundi, Masibuye siye kwelakwaYuda.

8. Bathi abafundi kuye, Rabhi,* amaYuda ebefuna ngoku ukukuxuluba ngamatye nje, ùbuya uye khona na?

9. Waphendula uYesu wathi, Àkalishumi elinamabini na amaxa emini? Ukuba umntu uthi ahambe emini, akakhubeki; ngokuba elubona ukhanyiselo lweli hlabathi.

10. Ke ukuba umntu uthi ahambe ebusuku, uyakhubeka; ngokuba ukukhanya kungekho kuye.

11. Wazithetha ezi zinto; aze emveni koko athi kubo, ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse.

12. Bathi ngoko abafundi bakhe, Nkosi, ukuba ulele, wósinda.

13. Ke yena uYesu ubethetha ukufa kwakhe. Bona ke bebeba uthetha ngokulala ubuthongo.

14. Wandula ngoku uYesu wathi kubo ngokungafihilisiyo, ULazaro ufile.

15. Ndiyavuya ke ngenxa yenu, ukuba ndibé ndingekho khona, ukuze nikholwe. Noko ke masiye kuye.

16. Uthe ngoko uTomas, okuthiwa nguDidimo, kubafundi kunye naye, Masiye nathi, ukuze sife naye.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 11