Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 11:50-57 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

50. kananjalo aniqondi ukuba kusilungele, ukuba kufe umntu abe mnye ngenxa yabantu, ukuze lungatshabalali uhlanga luphela.

51. Oku ke akakuthethanga kuphuma kuye; wathi, kuba ebengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka, waprofeta ukuba uYesu uza kulufela uhlanga;

52. kungabi ngenxa yohlanga olo lodwa, kube ngenxa yabantwana bakaThixo abalusali, ukuba abahlanganisele ndawonye.

53. Kususela kuloo mini ngoko babhunga ukuba bambulale.

54. Ngoko uYesu akabanga sahamba ekuhléni phakathi kwamaYuda; wasuka wemka apho, waya ezweni elikufuphi nentlango, emzini ekuthiwa kukwaEfrayim; walibala khona apho nabafundi bakhe.

55. Ke kaloku yayikufuphi ipasika* yamaYuda; kwenyuka into eninzi iphuma kwelo zwe, yaya eYerusalem phambi kwayo ipasika, ukuze izenze nyulu.

56. Ayemfuna ngoko uYesu, ethetha odwa, emi etempileni, esithi, Nithini na? akasayi kuza na emthendelekweni?

57. Ke kaloku ababingeleli abakhulu nabaFarisi babewise umthetho wokuthi, ukuba umntu uthe wazi apho akhona, maze axele, ukuze bambambe.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 11