Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 11:44-55 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo, nobuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. Athi kubo uYesu, Mkhululeni, nimyeke ahambe.

45. Ithe ngoko into eninzi kumaYuda, ebizé kuMariya, yakuzibona izinto azenzileyo uYesu, yakholwa kuye.

46. Ke abathile kuwo bemka baya kubaFarisi, babaxelela izinto azenzileyo uYesu.

47. Bahlanganisa ngoko ababingeleli abakhulu nabaFarisi intlanganiso yamatyala, bathi, Senza ntoni na? Ngokuba lo mntu wenza imiqondiso emininzi.

48. Ukuba sithe samyeka ngokunje, bonke baya kukholwa kuye; athi ke amaRoma eze, athimbe indawo yethu, kwanohlanga lwethu.

49. Ke kaloku omnye wabo, uKayafa, engumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka, wathi kubo, Anazi nto nina;

50. kananjalo aniqondi ukuba kusilungele, ukuba kufe umntu abe mnye ngenxa yabantu, ukuze lungatshabalali uhlanga luphela.

51. Oku ke akakuthethanga kuphuma kuye; wathi, kuba ebengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka, waprofeta ukuba uYesu uza kulufela uhlanga;

52. kungabi ngenxa yohlanga olo lodwa, kube ngenxa yabantwana bakaThixo abalusali, ukuba abahlanganisele ndawonye.

53. Kususela kuloo mini ngoko babhunga ukuba bambulale.

54. Ngoko uYesu akabanga sahamba ekuhléni phakathi kwamaYuda; wasuka wemka apho, waya ezweni elikufuphi nentlango, emzini ekuthiwa kukwaEfrayim; walibala khona apho nabafundi bakhe.

55. Ke kaloku yayikufuphi ipasika* yamaYuda; kwenyuka into eninzi iphuma kwelo zwe, yaya eYerusalem phambi kwayo ipasika, ukuze izenze nyulu.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 11