Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 11:31-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Athe ngoko amaYuda abenaye endlwini emkhuza, akumbona uMariya, ukuba usuke kamsinya waphuma, amlandela esithi, Úya engcwabeni, ukuya kulila khona.

32. UMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu.

33. Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka, wakhathazeka.

34. Wathi, Nimbeke phi na?

35. Bathi kuye, Nkosi, yiza ubone. UYesu walila.

36. Ayesithi ngoko amaYuda, Yabonani ke ukumthanda kwakhe!

37. Ke abathile kuwo bathi, Ubengenako na lo, wawavulayo amehlo emfama, ukwenza ukuba naló angafi?

38. Abuye ke uYesu afutheke ngaphakathi kwakhe, eze engcwabeni. Laye ke lingumqolomba, kubekwe ilitye kuwo.

39. Athi uYesu, Lisuseni ilitye. Athi kuye uMarta, udade wofileyo, Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-né efile.

40. Athi uYesu kuye, Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo?

41. Balisusa ngoko ilitye apho abelele khona ofileyo.Wawaphakamisa ke amehlo uYesu, wakhangela phezulu, wathi, Bawo, ndiyabulela kuwe kuba undivile.

42. Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 11