Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 11:29-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Uthi yena, akuva oko, asuke kamsinya eze kuye.

30. (Ke kaloku, uYesu ebengekangeni phakathi komzi; wayesekuloo ndawo uMarta wamhlangabeza ekuyo.)

31. Athe ngoko amaYuda abenaye endlwini emkhuza, akumbona uMariya, ukuba usuke kamsinya waphuma, amlandela esithi, Úya engcwabeni, ukuya kulila khona.

32. UMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu.

33. Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka, wakhathazeka.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 11