16. Uthe ngoko uTomas, okuthiwa nguDidimo, kubafundi kunye naye, Masiye nathi, ukuze sife naye.
17. Efikile ngoko uYesu, wafika eselesengcwabeni iintsuku zoné.
18. (Ke kaloku iBhetani ibikufuphi neYerusalem, umgama wayo uzizitadiya* ezingathi zilishumi elinazihlanu.)
19. Kwakufike abaninzi bakumaYuda, kwabo babenoMarta noMariya, ukuze babakhuze ngaye umnakwabo.