Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 11:14-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wandula ngoku uYesu wathi kubo ngokungafihilisiyo, ULazaro ufile.

15. Ndiyavuya ke ngenxa yenu, ukuba ndibé ndingekho khona, ukuze nikholwe. Noko ke masiye kuye.

16. Uthe ngoko uTomas, okuthiwa nguDidimo, kubafundi kunye naye, Masiye nathi, ukuze sife naye.

17. Efikile ngoko uYesu, wafika eselesengcwabeni iintsuku zoné.

18. (Ke kaloku iBhetani ibikufuphi neYerusalem, umgama wayo uzizitadiya* ezingathi zilishumi elinazihlanu.)

19. Kwakufike abaninzi bakumaYuda, kwabo babenoMarta noMariya, ukuze babakhuze ngaye umnakwabo.

20. Akuva ngoko uMarta ukuba uYesu uyeza, wamhlangabeza; ke yena uMariya wahlala endlwini.

21. Wathi ngoko uMarta kuYesu, Nkosi, ukuba ubulapha, umnakwethu ange engafanga.

22. Nangoku ndiyazi ukuba, ongáthi ukucele kuThixo, oko wokunika uThixo.

23. Athi kuye uYesu, Umnakwenu uya kubuya avuke.

24. Athi uMarta kuye, Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 11