Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 11:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku, kwaye kusifa umntu othile, uLazaro waseBhetani, umzi wakulooMariya, noMarta udade wabo.

2. Yaye ke inguloo Mariya, wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, wazisulayo iinyawo zayo ngeenwele zakhe, omnakwabo uLazaro wayesifa.

3. Bathumela ngoko oodade babo kuye, besithi, Nkosi, uyabona, lowo ùmthandayo uyafa.

4. Evile ke uYesu wathi, Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.

5. Ke uYesu wayebathanda ooMarta nomsakwabo noLazaro.

6. Uthe ngoko akuva ukuba uyafa, wakha okunene wahlala kuloo ndawo abekuyo iintsuku ezimbini.

7. Waza emveni koko wathi kubo abafundi, Masibuye siye kwelakwaYuda.

8. Bathi abafundi kuye, Rabhi,* amaYuda ebefuna ngoku ukukuxuluba ngamatye nje, ùbuya uye khona na?

funda isahluko epheleleyo Uyohane 11