Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 10:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo.

7. Wabuya wathi ngoko kubo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu.

8. Bonke abezáyo ngaphambi kwam bangamasela nezihange; ke zona izimvu azibevanga.

9. Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani.

10. Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.

11. Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu.

12. Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu.

13. Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu.

14. Ndim umalusi olungileyo; ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam.

15. Njengokuba endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu.

16. Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.

17. Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 10