Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 10:34-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Uwaphendule uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo?

35. Ukuba úthe bona bangoothixo, eleza kubo ilizwi likaThixo (sibe isibhalo singenakwaphulwa),

36. nitsho na nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Ùyanyelisa; ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo?

37. Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim.

38. Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye.

39. Abuya ngoko afuna ukumbamba; waphuluka ezandleni zawo.

40. Wabuya wemka, waya phesheya kweYordan, kwindawo abebhaptizela kuyo uYohane kuqala; wahlala khona.

41. Kweza babaninzi kuye, bathi, UYohane okunene akenzanga namnye umqondiso; kodwa ke zonke izinto, awazithethayo uYohane ngaye lo, zaziyinene.

42. Bathi abaninzi bakholwa kuye khona apho.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 10