26. Nina anikholwa, kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.
27. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;
28. mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.
29. UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.