Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 10:22-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ke kaloku, kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika.

23. Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni* kaSolomon.

24. Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu,* sixelele ngokuphandle.

25. Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam.

26. Nina anikholwa, kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.

27. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;

28. mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 10