16. Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.
17. Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe.
18. Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.
19. Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi.
20. Yayisithi ke into eninzi kuwo, Únedemon, úyageza; yini na ukuba nimphulaphule?
21. Abanye babesithi, La mazwi asingawo awophethwe yidemon: idemon ingaba inako yini na ukuvula amehlo emfama?
22. Ke kaloku, kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika.
23. Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni* kaSolomon.
24. Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu,* sixelele ngokuphandle.
25. Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam.
26. Nina anikholwa, kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.
27. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;
28. mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.