Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 10:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu.

13. Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu.

14. Ndim umalusi olungileyo; ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam.

15. Njengokuba endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu.

16. Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.

17. Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe.

18. Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.

19. Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi.

20. Yayisithi ke into eninzi kuwo, Únedemon, úyageza; yini na ukuba nimphulaphule?

21. Abanye babesithi, La mazwi asingawo awophethwe yidemon: idemon ingaba inako yini na ukuvula amehlo emfama?

22. Ke kaloku, kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika.

23. Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni* kaSolomon.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 10