Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 10:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange.

2. Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu.

3. Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe, azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona.

4. Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe.

5. Ke owasemzini azingemlandeli; zosuka zimbaleke, ngokuba zingalazi izwi labasemzini.

6. Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo.

7. Wabuya wathi ngoko kubo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu.

8. Bonke abezáyo ngaphambi kwam bangamasela nezihange; ke zona izimvu azibevanga.

9. Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani.

10. Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 10