Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:8-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.

9. Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini.

10. Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga.

11. Weza kokwakhe, baza abakhe àbamvuma.

12. Ke bonke abamamkeláyo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe;

13. abangàzalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo.

14. ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.

15. Uthi uYohane angqine ngaye, adanduluke esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum.

16. Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo.

17. Ngokuba umthetho wawiswa ngoMoses, lwabakho lona ubabalo nenyaniso ngoYesu Kristu.

18. Akukho namnye wakha wambona uThixo; uNyana okuphela kwamzeleyo, lowo usesifubeni sikaYise, nguye ocacise oko.

19. Nabu ke ubungqina bukaYohane, oko amaYuda athuma ababingeleli nabaLevi, bephuma eYerusalem, ukuze bambuze besithi, Wena ungubani na?

20. Wavuma akakhanyela, wavuma esithi, Andinguye mna uKristu.*

21. Bambuza, besithi, Untoni na ke? UnguEliya na? Athi, Andinguye. Unguye na umprofeti lowo? Wathi ukuphendula, Hayi.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1