Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye.

8. Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.

9. Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini.

10. Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga.

11. Weza kokwakhe, baza abakhe àbamvuma.

12. Ke bonke abamamkeláyo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe;

13. abangàzalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo.

14. ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.

15. Uthi uYohane angqine ngaye, adanduluke esithi, Ubenguye lo bendithetha yena, ndisithi, Lowo uzayo emva kwam, usuke waba phambi kwam, ngokuba waye etanci kum.

16. Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1