Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi obo bulukhanyiselo lwabantu.

5. Ukhanyiso ke olo lwabonakala ebumnyameni, basuka ubumnyama àbaluqiqa.

6. Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane.

7. Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye.

8. Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.

9. Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini.

10. Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga.

11. Weza kokwakhe, baza abakhe àbamvuma.

12. Ke bonke abamamkeláyo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe;

13. abangàzalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo.

14. ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1