Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:34-48 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

34. Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo.

35. Ngengomso ubuye wema uYohane nababini kubafundi bakhe;

36. ondelé kuYesu ehamba, uthi, Nantso iMvana kaThixo.

37. Bamva ethetha abafundi ababini, bamlandela uYesu.

38. Ke kaloku ujikile uYesu, ababone belandela, athi kubo, Nifuna ntoni na? Bathi ke bona kuye, Rabhi (oko kukuthi ngentetho evakalayo, mfundisi), uhlala phi na?

39. Athi kubo, Yizani nibone. Beza, babona ke apho ahlala khona; bahlala naye loo mini; laye ke ilixa lingathi leleshumi.

40. YayinguAndreya, umzalwana kaSimon Petros, omnye wabo babini, babeve kuYohane, bamlandela.

41. Yena ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, SImfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu*).

42. Wamsa kuYesu; uthe ke uYesu wondela kuye, wathi, Wena unguSimon, unyana kaYona; kuya kuthiwa unguKefas (oko kukuthi ngentetho evakalayo, ùnguPetros*).

43. Ngengomso uYesu wafuna ukuphuma aye kwelaseGalili; ufumana uFilipu, athi kuye, Ndilandele.

44. Ke kaloku uFilipu ebengowaseBhetesayida, womzi wakuloAndreya noPetros.

45. UFilipu ufumana uNataniyeli, athi kuye, Lowo uMoses wabhala ngaye emthethweni, kwanabaprofeti, simfumene, uYesu unyana kaYosefu, lowo waseNazarete.

46. Wathi uNataniyeli kuye, Inako na into elungileyo ukuphuma eNazarete? Athi uFilipu kuye, Yiza ubone.

47. UYesu wambona uNataniyeli esiza kuye, athi ngaye, Nanko umSirayeli inyaniso, ekungekho nkohliso kuye.

48. Athi uNataniyeli kuye, Undazi ngani na? Waphendula uYesu wathi kuye, Phambi kokuba uFilipu akubize, uphantsi komkhiwane, ndandikubona.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1