Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:30-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi kwam; ngokuba yayitanci kum.

31. Bendingayazi nam; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli.

32. Wangqina uYohane, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe.

33. Bendingamazi nam; owandithumayo ukubhaptiza ngamanzi, nguye owathi kum, Othe wambona uMoya esihla ahlale phezu kwakhe, nguye lowo ubhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.

34. Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo.

35. Ngengomso ubuye wema uYohane nababini kubafundi bakhe;

36. ondelé kuYesu ehamba, uthi, Nantso iMvana kaThixo.

37. Bamva ethetha abafundi ababini, bamlandela uYesu.

38. Ke kaloku ujikile uYesu, ababone belandela, athi kubo, Nifuna ntoni na? Bathi ke bona kuye, Rabhi (oko kukuthi ngentetho evakalayo, mfundisi), uhlala phi na?

39. Athi kubo, Yizani nibone. Beza, babona ke apho ahlala khona; bahlala naye loo mini; laye ke ilixa lingathi leleshumi.

40. YayinguAndreya, umzalwana kaSimon Petros, omnye wabo babini, babeve kuYohane, bamlandela.

41. Yena ufumana kuqala owakhe umzalwana, uSimon, athi kuye, SImfumene uMesiya (oko kukuthi ngentetho evakalayo, uKristu*).

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1