Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyohane 1:30-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Nguye lo ndathi ngaye mna, Emva kwam kuza indoda, esuke yaba phambi kwam; ngokuba yayitanci kum.

31. Bendingayazi nam; le nto ndeza mna, ndibhaptiza ngamanzi, kukuze ibonakalaliswe kuSirayeli.

32. Wangqina uYohane, esithi, Ndimbonile uMoya, esihla njengehobe, ephuma ezulwini, wahlala phezu kwakhe.

33. Bendingamazi nam; owandithumayo ukubhaptiza ngamanzi, nguye owathi kum, Othe wambona uMoya esihla ahlale phezu kwakhe, nguye lowo ubhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.

34. Nam ndibonile, ndingqinile, ukuba lo nguye uNyana kaThixo.

35. Ngengomso ubuye wema uYohane nababini kubafundi bakhe;

36. ondelé kuYesu ehamba, uthi, Nantso iMvana kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Uyohane 1